Kwihlabathi liphela, Umhla wokuQatshelwa koKutya liLizwe-jikelele (WFD) ubhiyozelwa ngomhla we 16 ku Okthobha ngelokuqaphela umhla wokusekwa kom’Butho ongoKutya neZolimo (FOA) kwiZizwe Ezimanyeneyo ngomnyaka ka 1945. Injongo yale WFD kukufundisa abantu ngokubaluleka nokufuneka kweendlela ezongezelekileyo zokuvelisa ukutya ngexesha elifanelekileyo, kuqukwa wonke ubani, ukumelana neemeko ezinzima kunye nozinzo kuveliso lokutya. Ngokwalo m’butho i-FOA iyabonakala inkqubela esele yenziwe ngokumalunga nokwenziwa ngcono kwelizwe-jikelele, kodwa, baninzi abantu abasale ngasemva, abangakwaziyo ukuxhamla kuphuhliso loluntu, ukwenza izinto ngeendlela ezintsha nezinobungcono nakuhlumo lwezoqoqosho.
Yilento, umxholo walo nyaka usithi “MAKUNGASALI NAMNYE.”
Umhla Wokuqatshelwa koKutya liLizwe-jikelele ngomnye wemisitho engoovulindlela kwiSebe leZolimo eNtshona Koloni (WCDoA) yaye alithethi-nje ngomlomo, kodwa libonakalisa ngemisebenzi. Ekubeni kufuneka KUNGASALI NAMNYE, eli Sebe liqhubela phambili ngokuveza imithombo yoncedo, imizamo nangokwenza amacebo entsebenziwano ngelokuqubisana nemingeni engokushokoxeka kokutya okunempilo sihlangene, ingakumbi kwiindawo apho kudingeka khona, nekusekuhlaleni nakumakhaya.
Ngaphambi kwalo…
